Soze kubenje ngakuqala

Soze kubenje ngakuqala

by AS Dazela
Soze kubenje ngakuqala

Soze kubenje ngakuqala

by AS Dazela

eBook

$3.39 

Available on Compatible NOOK devices, the free NOOK App and in My Digital Library.
WANT A NOOK?  Explore Now

Related collections and offers

LEND ME® See Details

Overview

Ukunganyaniseki komntu eluthandweni kumfaka umntu kwinyula yomgxobhozo angenakuzikhupha kuwo. Ukwenyelisa umntu, umbeka amabala ngento engekhoyo kukuzinqikela nje ilitye elineembovane. Kuhle ke ukuqamela ngenyaniso ngalo lonke ixesha, ungade uzibone ujinga phezu komlomo wengcwaba. NjengoChuleza lo uzibone ephila ubomi bentshontsho, esoyika utshaba lwakhe elinguJoel, ebebefudula bengamathe, nolwimi. UChuleza wayengazi ukuba uQhakazile owayesisithandwa sakhe sokuqala iya kuba nguye ithemba lakhe lokugqibela ukuzikhusela kwindladiya, yengqashalala enganqandwa mntu enguJoel owathi wamfuna phantsi naphezulu, efuna ukumcima igama. UChuleza wayecinga ukuba uchan’ ucwethe ngotolo wagqiba ekubeni alahle uQhakazile kwesinomhlwa athi nca kuJoel njengomkhanzi endlebeni yethole. UChuleza wathi wakhutshwa isidima nganxa zonke lisoka lakhe labumini. Le nto ke isifundisa ukuba siqiqe phambi kokuba sithabathe izigqibo, okwesibini ifundisa ukuba wonele yindawo okuyo, impumelelo yomntu asiyiyo eyakho. Intliziyo enganeliyo ifaka umntu kwembi ingozi.


Product Details

BN ID: 2940155902584
Publisher: Via Afrika
Publication date: 12/06/2018
Sold by: Smashwords
Format: eBook
File size: 321 KB
Language: Xhosa

About the Author

U-Angelinah Dazela wafundisa wada wayinqununu, ufundise iminyaka engaphezulu kweshumi elinesibini eMpuma Koloni kummandla owawusakuba nguMneno-Nciba. Waziphandela amanye amathuba, wayeka ukufundisa waya eThekwini apho waqeshwa njengoMhleli weMagazini eyiBona kwingingqi iMobeni ejongene noLwimi olusisiXhosa.

Ethubeni, wafudukela kwiPhondo iGauteng. Wasebenzela iNkampani yoSasazo loMzantsi Afrika, eJwanasbhege phaya e-Auckland Park. Waqeshwa njengoMbhali wemidlalo kamabonakude weJelo iTV2 (Scenario Writer of TV2 Programmes).

Eminye kwimidlalo awayibhalayo kamabonakude yile: UMbhaduli, Umzi nezinto zawo, Iliwa libhek’ umoya, neminye ke.

Ekuhambeni kweminyaka wafudukela eKapa, wasebenzela iSebe leNkulumbuso yeNtshona Koloni eyiNgcali yoMguquleli (Principal Language Practitioner) wada wafumana umhlala-phantsi.

Abashicileli beencwadi abahlukileyo uyabasebenzela njengoMbhali, uMhleli, imibhalo yesiNgesi neyesiBhulu uyiguqulela esiXhoseni, uyahlola esenza ugxeko- ncomo olwakhayo ngeencwadi ezibhaliweyo. Iincwadi zakhe ziyasetyenziswa ezikolweni njengeenoveli, imidlalo yeqonga, amabali amafutshane, njalo-njalo.

Ezinye iincwadi zakhe zezi: Izono zakho ziya kukujikela, ‘Soze kubenje ngakuqala!’ Lumkela iminwe emithathu, Owu ndanela! UNomasomi ngumdlalo weqonga awuguqulele esiXhoseni, ubhalwe nge-Afrikaans unesihloko sawo esithi ‘Nyoni’. KwiNkqubo yokufundisa eyi-Outcomes-based Education, u-Angelinah Dazela ubhale uchunge-chunge lwesiXhosa olunesi sihloko: ‘IsiXhosa Esisiso’ seBanga loku-1 ukuya kwiBanga lesi-4. UkwanguMfundisi wezakwaLizwi, nangoku usayibhala imidlalo kamabonakude.

From the B&N Reads Blog

Customer Reviews