Uloyiso Lothando

Uloyiso Lothando

by Thembelihle Sokapase
Uloyiso Lothando

Uloyiso Lothando

by Thembelihle Sokapase

eBook

$8.10 

Available on Compatible NOOK devices, the free NOOK App and in My Digital Library.
WANT A NOOK?  Explore Now

Related collections and offers

LEND ME® See Details

Overview

UAsemahle oyintombi entle, ethobekileyo yaseMsobomvu eGcuwa, wenza umnyaka wakhe wokuqala edyunivesithi kwidolophu yaseRhawutini.

Kwelo Rhawuti uye athandane nomfana waseQonce ophangela kwalapho esixekweni ogama linguSolam. Njengokuba uAsemahle engumntu othuleyo nje, uSolam yena ngumfana ondwebileyo, futhi othandwayo ngabantu.

Emva kweenyanga kumnandi eluthandweni, ubudlelwane babo buye bube namagingxigingxi ngenxa yemfihlo endala kaAsemahle enobuzaza kangangokuba ingabuqhawula buthi saa ubudlelwane.

Eli hlebo — nakubeni lingekadizwa — liye lasichaphazela isimo sobudlelwane ngokuba liye labangela ukuba bangakwazi ukubonana kangangoko bethanda. Uzamile ukuzathuza evela namaqhinga uAsemahle kodwa engamkholi uSolam.

Kaloku naye umfana lo wayelixhoba lokubhanxwa yintombi awayehambisana nayo ngaphambili, wade wafunga wenza isibhambathiso sokuba ayisayi kuze iphinde yenzeke kuye loo nto. Kungoko engazange abe nawo umonde, wada wazimisela ukuba uza kumchila uAsemahle ambhebhethe okomshologu.

UAsemahle wayenqwenela ukuzityanda igila kuSolam malunga nalo mbandela, kodwa ubunzulu nobunzima bawo baye baba ngumqobo endleleni yakhe, kangangokuba baye bade abathethisana ixesha elide, nakubeni uthando lwabo lwalusavutha amadangatya.

Ekugqibeleni uAsemahle uye abone ukuba akasokuze awuqabele lo mnqantsa kude kube kanti ulidizile eli hlebo. Ingaba indlela lo mfana ayijonga ngayo le ntokazi iza kutshintsha na xa ethe wayazi ukusuka nokuhlala?


Product Details

BN ID: 2940163305544
Publisher: Thembelihle Sokapase
Publication date: 08/09/2019
Sold by: Smashwords
Format: eBook
File size: 215 KB
Language: Xhosa

About the Author

NdinguThembelihle Sokapase. Ndazalwa ngomhla we17 kweyoMnga, 1990. Ndihlala eRhawutini ngoku kodwa ndizalelwe ndakhulela eMpuma Koloni kwiidolophu ezimbini: eGcuwa apho ndenze khona amabanga aphantsi, naseBhofolo apho ndenze khona amabanga aphakamileyo. Emva koko ndiye ndafumana imfundo enomsila kwiziko-mfundo iWalter Sisulu Univerity eMonti, apho ndifumene khona isidanga kwizifundo zeInformation Technology (IT). EMonti kukwalapho ndiqale khona ukubhala amabali amafutshane ndibhala ngesiNgesi kuphela ngezo ntsuku. Kodwa namhlanje ndizibhala zonke iindidi zoluncwadi (imidlalo, iinoveli, izincoko, amabali amafutshane, nemibongo) ngesiXhosa.

From the B&N Reads Blog

Customer Reviews